PROVINCE OF THE

EASTERN CAPE

EDUCATION

DIRECTORATE: CURRICULUM FET PROGRAMMES

IZICWANGCISO ZEZIFUNDO

IKOTA YESITHATHU

ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA

FOREWORD

Izicwangciso zezifundo zamabanga 10-12 zenziwe ngabacebisi (subject advisors)ngo Meyi 2009. Ootitshala bacelwa kuba bazijonge , beze balungise apho kuyimfuneko ukulungiselela iimeko zezikolo zabo. Makukhumbuleke ukuba isicwangciso sesifundo ngamaxwebhu okusebenza kungesosizathu esicela ootitshala bacamngcce ukuze benze iingcebiso khonukuze silungise apho kufaneleke khona. Ootitshala bayacelwa ukuba olu xwebhu bangalusebenzisi lodwa, mabalusebenzise namanye amaxwebhu enkcazelo yekharityhulam angala: Inkcazelo Yekharityhulam Yesizwe Amabanga 10-12, LPG 2008, IsiXhosa Planning Guideline Document Amabanga 10-12, SAG 2008, and Provincial CASS Policy /GuidelineUxwebhu lokuvavanya 2009.

Isicwngciso sesifundo singumsebenzi katiotshala kodwa iyanceda ngamanye amaxesha into yokuba ootitshala bacwngcise bengamaqela khonukeze bacebisane. Lentsebenziswano inceda ootitshala ukuze bazazi iziphumo zokufunda nemigangatho yokuhlola , indlela ezisebenza ngayo ukuze bazive bezithembile nabo xa befundisa abafundi.

Kuqhaphelekile ukuba kukho ootitshala abafundisa izifundo ezininzi kumabanga olohlukileyo, lento ekhokelele ekubeni isebe lenze izicwangciso zezifundo ezibufana ukuzama ukunciphisa umthwalo kototshala.sicela ukuba ootitshala ingabaphazamisi lendlela sense ngayo , ngoba zonke iinkalo zesifundo ngasinye zivelelwe.

Qhapela oku titshala: ezi zicwangcizo zezifundo mazisetyenziswe njengomkhomba-ndlela owenzelwa ukuba sikwazi ukuziphumelelisa zonke iimfuno zeNkcazela Yekharithyulam. Ootitshala bayakhuthazwa ukuba benze imisebenzi yabantwana ehambelana neemeko zesikolo eso akuso ngokukhokhelwa zizixhobo anazo nemeko yesikolo eso njengoko izikolo zethu zingafani, amanani abantwana, uhlobo lwabafundi njl njl. unye Please note that these lesson plans are to be used only as a guide to complete the requirements of the Curriculum Statements and the work schedules and teachers are encouraged to develop their own learner activities to supplement and /or substitute some of the activities given here (depending on the school environment, number and type of learners in your class, the resources available to your learners, etc).

Khumbula titshala ungalibali ukwakha imisebenzi ngokwesicwangciso sakho sokuhlola(Programme of Assessment) kwisicwangciso sakho sesifundo.

Khulisani imizamo yenu ngokuthi nincedisane kwiingingqi zenu, niphakelane ngolwazi.

Iminqweni emihle ngayo yonke imizamo yenu ukukhulisa ukufunda , ukufundisa kunye nokuhlola.

ISIFUNDO: ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA IBANGA: 11 &12 ISICWANGCISO SESIFUNDO 01 IKOTA YESITHATHU IXESHA: IIYURE EZINTATHU
IMIXHOLO NOLWAZI EKUJOLISWE KULO: IZIBHENGEZO ZERADIYO
ezimanyelwayo: hluza injongo, ifomathi,umyalezo.
ISIPHUMO SOKUFUNDA 01
Ukuphulaphula nokuthetha
Sikwazi oku xa umfundi e; / ISIPHUMO SOKUFUNDA 02
Ukufunda nokulolonga
Sikwazi oku xa umfundi e; / ISIPHUMO SOKUFUNDA 03
Ukubhala nokunikezela
Sikwazi oku xa umfundi e; / ISIPHUMO SOKUFUNDA 04
Igrama nokusetyenziswa kolwimi
Sikwazi oku xa umfundi e;
GH1 : bonakalisa ulwazi lweemo ezahlukeneyo zokunxibelelana ngomlomo ezisetyenziswa xa kuqhagamshelwana nabanye. / √ / GH 1: bonakalisa ubuchule beendlela ngeendlela zokufunda nokulolonga, esnzela ukuqonda nokuncoma / GH1: bonakalisa isakhono sokucwangcisa xa ebhalela injongo ethile abantu abafumana ulwazi, kunye nomxholo. / √ / GH 1: chonga, aze achaze iintsingiselo zamagama , awasebenzise ngokuchanekileyo kuluhlu lweetekisi. / .
GH2: bonakalisa izakhono zokucwangcisa nokuphanda, elungiselela ukwenza intetho yomlomo / √ / GH2: hluza intsingiselo yoluhlu olubanzi lweetekisi ezibhalwayo, ezibonwayo, eziviwayo neziviwa -zibonwa / √ / GH2: bonakalisa ukusetyenziswa kobugcisa kwanobuchule bokubhala xa esenza iidrafti zokuqala. / √ / GH 2: sebenzisa izivakalisi ezakheke ngobuchule ngendlela enika intsingiselo evakalayo nebonisa ukusebenzisa ulwmi kwintetho yemihla ngemihla
GH3 : bonakalisa ubuchule bokuphulaphula, nokwenza intetho yomlomo ngendlela ebonisa ukuqhabalaka novakalelo / √ / GH3: hluza indlela ulwimi kunye nemifanekiso enokuthi ibonise kwaye ilungelelanise ngayo izinto ezixabisekileyo neendlela ozijonga ngayo iznto, kwiitekisi / GH3: camngca , acazulule , ahluze umsebenzi wakhe , ethathela ingqalelo izimvo zabantu ,enikezela ngemveliso yobhalo lwakhe lokugqibela. / √ / GH3: khulisa ulwazi olunzulu lokusebenzisa ulwimi ngokuqiqisisa / √
GH4 : bonakalisa ukuqonda okunzulu xa kusetyenziswa ulwimi kwintetho yomlomo. / √ / GH4: phonononga aze ahluze iimpawu eziphambili zeetekisi, echaza kananjalo nendlela eziphuhlisa ngayo intsingiselo.
INXAXHEBA KATITSHALA / INXAXHEBA YOMFUNDI / IZIXHOBO ZOKUFUNDA NOKUFUNDISA / UKUHLOLA
(izicatshulwa eziveliswa ngenxa yalo msebenzi) / UMHLA ESIGQITYWE NGAYO
Ubamamelisa isibhengezo sikanomathotholo. / Baxela ezabo iindidi nemizekelo yezibhengezo ezimanyelwayo / Iradiyo ebhengezayo
Unika abafundi iworksheet enale mibuzo ilandelayo;
1.Esi sibhengezo sijoliswe koobani?
(abathi ntlo ngezinto ezincedisa ukuqaphela oku kwizibhengezo)
Ø  Ulwimi olusetyenziswa ngabantu abathile(ijagoni)
Ø  kubantu ababudala buthile kwakunye nabantu abathile(rejista)
Ø  Yenziwa ngaliphi ixesha eminini,
Ø  Yenziwa xa kuqhutywa yiphi inkqubo. / Baphendula bexoxa kumaqela abo ngale mibuzo.
Abafundi baveza eyabo imizekelo yolu lwimi-jagoni,(roleplay)belinganisa
Balinganisa iindlela zokuthetha kwabantu ngokweendawo abathethela kuzo.(rejista)
Baphendula le mibuzo bezixhasa. / Iworksheet/iphepha-msebenzi / Bacwangcise ezabo izibhengezo zeradiyo ngenjongo yokuthengisa oko bakhetha ukukuthengisa.
1.  Ulwimi olusetyenziswa kwezi zibhengezo.
Unika abafundi iphepha lomsebenzi (worksheet ) anike ingcaciso
Umamelisa abafundi isibhengezo / Bachonga baxele uncedo lokusetyenziswa kwezi zixhobo zolwimi ;
v  Ipropaganda
v  Uphinda-phindo
v  Uburharha
v  Umbuzo buciko
v  Ithoni
v  Ubaxo
v  Impoxo
v  Isikweko
v  Ukutshintshatshintshwa kwethoni
Benza uphando ngolwimi abaza kulusebenzisa kwezabo izibhengezo / Umzekelo wesibhengezo sentengiso seradiyo. / Umsebenzi wolwimi.
Khethani into eniza kuyithengisa kunomathotholo.
Xelani ukuba isibhengezo senu siya kujoliswa koobani
Niza kusibhengeza kuyiphi inkqubo? Kuba kutheni?
Chongani isigama eniza kusisebenzisa koluya luhlu benilusebenzisa.
Bhalani intengiso yenu
Usebenzisa isixhobo sokuhlola umsebenzi wesibhengezo sentengiso / Bayaprizenta / Irubriki yokumakisha intetho yomlomo
Umsebenzi wasekhaya: Abafundi balungisa izibhengezo zabo abaya kuziprizenta ngale mini kwiveki ezayo.
AMATHUBA ONGEZELELWEYO: Abanamandla baya kwenza zibe zininzi izibhengezo.
Abasilelayo bancediswa ngokweengxaki zabo.
Ukucamngca kuka Titshala ngesi sifundo:
Ziintoni ezihambe kakuhle?
Zintoni ezingakhange zilunge ncam?
Uzilungise njani?/ukuba unganikwa elinye ithuba ungalungisa ndawoni?
ISIFUNDO: ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA IBANGA: 11&12 ISICWANGCISO SESIFUNDO 02 KOTA YESITHATHU IXESHA: IIYURE ______
IMIXHOLO NOLWAZI EKUJOLISWE KULO: IZIBHENGEZO EZIBHALIWEYO NEZINEMIFANEKISO
1. Irejista izifanele na iinjongo
2. Umxholo wesibhengezo uzifanele na iinjongo.
ISIPHUMO SOKUFUNDA 01
Ukuphulaphula nokuthetha
Sikwazi oku xa umfundi e; / ISIPHUMO SOKUFUNDA 02
Ukufunda nokulolonga
Sikwazi oku xa umfundi e; / ISIPHUMO SOKUFUNDA 03
Ukubhala nokunikezela
Sikwazi oku xa umfundi e; / ISIPHUMO SOKUFUNDA 04
Igrama nokusetyenziswa kolwimi
Sikwazi oku xa umfundi e;
GH1 : bonakalisa ulwazi lweemo ezahlukeneyo zokunxibelelana ngomlomo ezisetyenziswa xa kuqhagamshelwana nabanye / GH 1: bonakalisa ubuchule beendlela ngeendlela zokufunda nokulolonga, esenzela ukuqonda nokuncoma / √ / GH1: bonakalisa isakhono sokucwangcisa xa ebhalela injongo ethile abantu abafumana ulwazi, kunye nomxholo. / √ / GH 1: chonga, aze achaze iintsingiselo zamagama , awasebenzise ngokuchanekileyo kuluhlu lweetekisi. / √.
GH2: bonakalisa izakhono zokucwangcisa nokuphanda, elungiselela ukwenza intetho yomlomo / GH2: hluza intsingiselo yoluhlu olubanzi lweetekisi ezibhalwayo, ezibonwayo, eziviwayo neziviwa -zibonwa / √ / GH2: bonakalisa ukusetyenziswa kobugcisa kwanobuchule bokubhala xa esenza iidrafti zokuqala. / √ / GH 2: sebenzisa izivakalisi ezakheke ngobuchule ngendlela enika intsingiselo evakalayo nebonisa ukusebenzisa ulwmi kwintetho yemihla ngemihla / √
GH3 : bonakalisa ubuchule bokuphulaphula, nokwenza intetho yomlomo ngendlela ebonisa ukuqhabalaka novakalelo / GH3: hluza indlela ulwimi kunye nemifanekiso enokuthi ibonise kwaye ilungelelanise ngayo izinto ezixabisekileyo neendlela ozijonga ngayo iznto, kwiitekisi / GH3: camngca, acazulule, ahluze umsebenzi wakhe , ethathela ingqalelo izimvo zabantu ,enikezela ngemveliso yobhalo lwakhe lokugqibela. / √ / GH3: khulisa ulwazi olunzulu lokusebenzisa ulwimi ngokuqiqisisa / √
GH4 : bonakalisa ukuqonda okunzulu xa kusetyenziswa ulwimi kwintetho yomlomo. / GH4: phonononga aze ahluze iimpawu eziphambili zeetekisi, echaza kananjalo nendlela eziphuhlisa ngayo intsingiselo.
INXAXHEBA KATITSHALA / INXAXHEBA YOMFUNDI / IZIXHOBO ZOKUFUNDA NOKUFUNDISA / UKUHLOLA
(izicatshulwa eziveliswa ngenxa yalo msebenzi) / UMHLA ESIGQITYWE NGAYO
1.Unika abafundi ulwazi ngendlela esebenza ngayo irejista.
Ø  Omdala komdala( intlonipho)
Ø  Omncinci komncinci
Ø  Omdala komncinci
Ø  Ifuthe lenkcubeko
Ø  Ixesha ezimbalini- lizifuthela njani izibhengezo.
Ø  Ifuthe lendawo abantu abathethela kuyo / Bacholachola amanqaku. / Ibhodi netshokhwe
2.  Unika abafundi iindidi zezibhengezo bacacise ukulunga nokungalungi kwerejista esetyenzisiweyo. / Bacacisa ukulunga nokungalungi kwerejista esetyenzisiweyo / Izibhengezo ezibonisa oku / Umbuzo nempendulo
3.  Ucacisa ukuzalana komxholo nenjongo yesibhengezo
Ø  Ulwazi olunikiweyo
Ø  Uncedo oluziswa kokuthengiswayo / Baxela ukuba umxholo wesibhengezo ungqamene na nenjongo le yokubhengeza baze bacebise. / Izibhengezo ezincedisa oku / Isigama esisetyenzisiweyo.
4.  Indlela ekusetyenziswe ngayo imifanekiso. / Baxela ukuba abantu babekwe kuziphi iimeko.
Indlela ekusetyenziswe ngayo umbala. / Izibhengezo ezicacisa oku.
5.  Hluza ukufaneleka kwesilogan / Banika izimvo zabo ngokufaneleka kwesilogani. / Izibhengezo ezineendidi zezilogani
Ikhrayitheriya yesilogan.
6.  Hluza ukufaneleka kwelogo / Baxela indlela ifonti esetyenziselwe ngayo. / Ikhrayitheriya yelogo
7.  Hluza ukufaneleka kwefonti / Baxela izizathu zokusetyenziswa kwefonti ngolu hlobo. / Izizathu zokusebenzisa iindidi zeefonti. / Amanqaku malunga neendidi zeefonti
8.  Ukufaneleka kwendlela ezibonakaliswa ngayo izinto.
Ø  Ukucalucalula ngokwesini
Ø  Indlela umakhi wesibhengezo abona ngayo abantu ( isini, uhlanga oluthile njl.) / Abafundi baxoxa indlela osetyenziswe ngayo umfanekiso.
Ithi umbona njengomntu onjani lo mntu uvezwe apha?( umzekelo oomama basetyenziselwa ukuthengisa izinto zasekhitshini ukanti ootata baboniswa xa kuveliswa amashishini amakhulu njalo njalo.
Utata mde kunomama?
Ubekwe ndawoni umama kutata? Ubonakaliswa enika ukhuselo kumama? / Imifanekiso yabantu abangoomama nootata kwzibhengezo. / Imibuzo neempendulo kwincwadi yomsebenzi.
UMSEBENZI WASEKHAYA :
Beza nemifanekiso yezibhengezo eziinemifanekiso
AMATHUBA ONGEZELELWEYO:
Benza imisebenzi eyongeziweyo efana nokwenza ezinye izibhengezo, ukucazulula imisebenzi yemifanekiso kwizibhengezo abazinikwayo ngenjongo yokuzilolonga.
Ukucamngca kukatitshala ngesifundo:

6